Isikhalo Sakho Nomdade Siluncuthu Kwezam Indlebe

Isikhalo Sakho Nomdade Siluncuthu Kwezam Indlebe

by Nasipi Soyizwapi
Isikhalo Sakho Nomdade Siluncuthu Kwezam Indlebe

Isikhalo Sakho Nomdade Siluncuthu Kwezam Indlebe

by Nasipi Soyizwapi

eBook

$4.99 

Available on Compatible NOOK devices, the free NOOK App and in My Digital Library.
WANT A NOOK?  Explore Now

Related collections and offers

LEND ME® See Details

Overview

Le ncwadi ethi “isikhalo sakho
nomdade siluncuthu kwezam iindlebe”
ibalisa ngobomi benzwakazi esaze ngobuso elizweni ebizwa ngokuba nguKwenzeka. UKwenzeka nguntondo kokwabo futhi ke nanje ngabo bonke oontondo, ukhule esazi ukuba yonke into ayifunayo okanye ayinqwenelayo
uyayifumana. Abazali bakhe kunye nabanye abantwana azalwa nabo bebengayiboni iyingxaki into yokuzama ngako konke okusemandleni abo
ukuba afumane konke akulangazelelayo ngenxa yothando ababenalo. Ukubonisa inkathalo kunye
nothando kwezihlobo nezalamane zikaKwenzeka kwenze ukuba azibone engcono kunomntu wonke aphila naye, waqalisa ukuba nekratshi nokuzicingela yedwa. Abazali bakhe baye bacinga ukuba uzakukhula aguquke kanti bakhe phantsi isitya sigcwele kuba waye eqiniseka
ukuzibona yedwa. Kuthe nje ngoba uKwenzeka ekhule eshiyelwa izinto ngusisi wakhe uBabalwa kuba esithi mncinane, akafuna nokuyiqhela into
yokuba ezinye izinto akwabelwana ngazo. Oku kwenze ukuba uKwenzeka afune indoda kadade wabo ngenkani futhi esebenzisa igunya lokuba uqhelile ukushiyelwa izinto nguBabalwa ngoku ke akaboni kuyinto engalunganga ukungena ezinyaweni zakhe emtshatweni wakhe. Konke oku kudale ukrutha-kruthwano, kunye nendzondo phakathi kwesisibini. Oludushe lwezintwazana zizanayo zikhokhelele ekubeni kubekho uqhekeko olwenzekayo kusapho lwabo
kuba kaloku bekunyanzelekile ukuba ilungu ngalinye losapho likhethe icala. UBabalwa zange afumane nkxaso ingako ebazalini bakhe nangona
wayenoxinzelelo lwengqondo ngenxa yokubona ukuba umtshato wakhe uyachitheka futhi esola ukuba uKwenzeka unesandla kulento. Abazali babengayithatheli ngqalelo into yokuba uKwenzeka abonakale nje ngomenzi wobubi kuba wayengabaniki sizathu soko kuba kaloku wayeyingcuka eyambethe ufele lwegusha ngoku ke kwakunzima ukuba uthi intsolo ezazibekwa ngudade wabo ziyinyani. Ukungayijongi ngeliso elibukhali indlela uKwenzeka awayeziphethe ngayo kwaye kwasuba imiphefumlo engenatyala ngenxa yezenzo zakhe ezimdaka, futhi abazali bakhe bothuka sekophulwe. liyinene elithi ‘umthathi uyawuzala umlotha’, ngubani owayesazi ukuba amakholwa angazala umntwana onentliziyo emdaka nje ngoKwenzeka?. Ukusweleka kukaBabalwa kunye nowakwakhe, uKhwezi kwabangwa zizenzo zikaKwenzeka ezajika zamjikela ekugqibeleni.


Product Details

BN ID: 2940163305575
Publisher: Nasipi Soyizwapi
Publication date: 08/09/2019
Sold by: Smashwords
Format: eBook
File size: 309 KB
Language: Xhosa

About the Author

Igama lam ndinguNasipi Soyizwapi. Ndizalwa nguVusumzi Soyizwapi uNozulu, kunye nentombi yakwaNgxabane kuQumbu uDisteria Pula. Ndizalelwe, futhi ndakhulela kwidolophu encinci ebizwa ngokuba yiUgie kwilali yaseGqaqhala. ISixhosa lulwimi lwam lwenkobe endithe ndaluncanca ebeleni ndiseyimveku, ndakhula ndaza ndayintombi kanantsi ndisaxhamla kulendebe ityebe kangaka yakwaXhosa. Ndikhule ndisazi ukuba isidima simntu sixhomekeke ekwazini umnombo wakhe ukutsho ke kukwazi ukuba uvela phi, uyaphi, ilele phi inkaba yakho? Konke ke oku ndikwazise ngokuthi ndizijule ijacu kwisiXhosa Sam senkobe. Ndibhale lencwadi ethi "Isikhalo Sakho Nomdade siluncuthu kwezam iindlebe" ngolwimi lwam lwenkobe, ngoko ke ndithi mzontsundu rhabul'ungafinci.

From the B&N Reads Blog

Customer Reviews